Ukulungele ukubala ingeniso yakho? Nantsi indlela esebenza ngayo (ukuba ungumnikazi wendlu):
Ixabiso lakho losuku kunye nemali yakho eyongezelelekileyo enganyanzelekanga (imali yokucoca okanye imali yondwendwe olongezelelekileyo, njl.) ngaphandle kwemali ebhatalelwa ukusebenzisa uAirbnb Yombuki Zindwendwe nayo nayiphi na imali oyibhatalwayo Yombuki Zindwendwe Oncedisayo = ukubhatalwa kwakho.
Imali ebhatalwa Ngumbuki Zindwendwe ibalwa ngokuphindaphinda yonke imali yokubhukisha ngepesenti, ize itsalwe ngokuzenzekelayo xa ubhatalwa. Ukongezelela kwiindleko zendlu yakho, iindwendwe ziza kubhatala imali ebhatalelwa ukusebenzisa uAirbnb, ngoko ixabiso elipheleleyo londwendwe lwakho liza kuba ngaphezulu kunemali oyibhatalwayo.
Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngokubhatalwa kwakho, jonga Ingeniso yakho.
Ukuba imali oyibhatalwayo nexabiso lakho losuku ayihambelani, nazi ezinye izinto ezinokuchaphazela ukubhatalwa kwakho zize zicacise ukuba kutheni kusenokubonakala ngathi kukho ukungafani: