Ngamanye amaxesha ufuna nje ukukhangela. Ngamanye amaxesha, uyazi kakuhle into oyifunayo. Izihluzi zokukhangela ziyindlela entle yokunciphisa izinto onokukhetha kuzo xa ukhangela indawo yokuhlala, izinto ezinokonwatyelwa okanye iinkonzo.
Qalisa ukukhangela ngokufaka ezi zinto zilandelayo:
Senze indlela elula nebhetyebhetye ngakumbi yokukhangela iindawo zokuhlala iintsuku ezingangenyanga. Cofa kwindawo ethi Iinyanga ukuze ubhale inani leentsuku oza kuzihlala uze ulungise usuku lwakho lokuqala nelokugqibela ngokulula. Litshintshe usuku lwakho lokuqala nelokugqibela ukuya kutsho kwiintsuku eziyi-14 ukuze ubone izinto ezinokubhukishwa ezahlukahlukeneyo ezifumanekayo.
Ngokukhetha Izihluzi, lungisa indlela okhangela ngayo ngokukhetha kwizihluzi ezahlukahlukeneyo ezikwenza uyifumane ngokulula indawo yokuhlala oyifunayo.
Xa ukhetha Izihluzi, usenokubona umgca wezihluzi ozicetyiswayo. Ezi zihluzi zicetyiswa ngokusekelwe kwizihluzi okhe wazisebenzisa kwixesha elidlulileyo nezihluzi iindwendwe ezikhangela ngendlela efanayo eziye zazifumanisa ziluncedo.
Uhlobo lwendawo oza kuhlala kuyo: Yindawo oza kuhlala kuyo, ngoko uthanda ibe njani? Khangela amagumbi, indlu yonke, nokungakumbi.
Ixabiso eliphantsi ukuya kweliphezulu: Fumana indawo yokuhlala elungele ibhajethi yakho–hluza ngokwexabiso elipheleleyo kuquka neerhafu.
Amagumbi neebhedi: Kumagumbi okulala, amagumbi okuhlambela, neebhedi, khetha inani elilungele wena okanye iqela lakho.
Izinto ezinokusetyenziswa: Abanye abantu badinga ikhitshi, abanye bafuna iTV, ibe abanye bafuna indawo yokupaka simahla. Khetha into oyidingayo ukuze uhlale kamnandi.
Iindlela zokubhukisha ekunokukhethwa kuzo: Khetha iindlela zokubhukisha ekunokukhethwa kuzo ukuze kube lula ukubhukisha – Uvel' Ubhukishe, ukuzingenela, ukurhoxa simahla, nokungakumbi.
Iindawo zokuhlala ezibalaseleyo:
Uhlobo lwendlu: Khangela izindlu, iihotele, iiflethi, nokungambi.
Ukulungela wonke umntu: Ufuna indawo yokungena engenazitepsi okanye iindawo zokubambelela xa ukwishawa? Khetha izinto eziza kukunceda uphole uze ukhuseleke.
Ulwimi lombuki zindwendwe: Khetha ababuki zindwendwe abathetha ulwimi olwaziyo.
Okwangoku awuzokwazi ukukhangela ngegama eliphambili.